ISAZISO SIKARHULUMENTE
ISEBE LEZEMPILO
INombolo R...
UMTHETHO WEZEMPILO WESIZWE, 2003 (UMTHETHO OYINOMBOLO YAMA-61 KA-2003)
UMphathiswa wezeMpilo uye, ngokwemigqaliselo yecandelo 90 (i) lomThetho weSizwe wezeMpilo, 2003 (umThetho oyiNombolo yama-61 ka-2003), emva kokucebisana neBhunga leSizwe lezeMpilo, wenza le mimiselo kwiShedyuli.
ISHEDYULI
Iinkcazelo
Kule Mimiselo, naliphi na igama okanye intetho intsingiselo elinikwe yona kumThetho, liyakuba naloo ntsingiselo liyinikiweyo, ngaphandle kokuba umxholo ukhombisa ngenye indlela -
umntu ogunyazisiweyo" uthetha umtyandi wezidumbu eziza kuvavanywa, igosa lonyango elityandela uvavanyo okanye igosa lezempilo elibhaliswe ngokwemigqaliselo enjangengakumThetho wobuNgcali bezeMpilo (Health Professions Act), 1974 (umThetho oyiNombolo yama-56 ka-1974), ukuba enze uvavanyo kwizidumbu ezenzwe utyando kunye/okanye ukuthathwa komcu oza kuvavanywa emzimbeni kwaye noqeshwe ngokwemigqaliselo yommiselo wama-22 wale mimiselo;
umzimba" uthetha umzimba womntu oswelekileyo okanye intsalela kwaye "isidumbu" sinentsingiselo engqinelanayo;
iKhowudi" ithetha umyalelo weKhowudi yeSizwe yeNkonzo yoVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo equlunqwe kwaye yamkelwa yiKomiti, kwaye eya kusetyenziswa njengencwadi yokufundisa ekusebenzeni okunamandla kwenkonzo kwaye ehlonyelwe kule mimiselo njengesiHlomelo A;
iSebe" lithetha iSebe lezeMpilo lephondo elibandakanyekayo;
isibonelelo esonyuliweyo" sithetha indawo yokugcina izidumbu se-medico-legal esenzelwe ngokukhethekileyo iinjongo zokugcina izidumbu apho kwenzekayo khona, ukuze kwenziwe uvavanyo kwizidumbu ezityandiweyo kunye nokuba kuthathwe imicu eza kuvavanywa;
izithuthi ezonyuliweyo" zithetha isithuthi soluntu sendawo yokugcina izidumbu esenziwe ngokukhethekileyo ukuba sithuthe imizimba, esingqinelanayo nobalulo olubekwe phantsi kwiKhowudi.
iNtloko yeSebe" ithetha umntu oqeshwe njengentloko yesebe lephondo eyiyimfanelo yalo ezempilo;
umThetho weeNgcali zeMpilo" uthetha umThetho weeNgcali zeMpilo, 1974 (umThetho oyiNombolo yama-56 ka-1974);
umThetho woPhando" uthetha umThetho woPhando, 1959 (umThetho oyinombolo yama-58 ka-1959);
iGosa eliPhandayo" lithetha ilungu leNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika eliqeshwe ngokwemigqaliselo yecandelo loku-1 lomThetho weNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika, 1995 (umThetho oyiNombolo yama-68 ka-1995), kwaye elonyulwe njengegosa eliphandayo ukuba liphande unobangela wokufa kwaloo mntu kwaye apho kukho khona imfuneko, ukuqinisekisa utshutshiso;
igosa lezonyango" lithetha umntu obhaliswe njengegosa lezonyango ngokwemigqaliselo yomThetho weeNgcali zeMpilo;
Indawo yokugcina izidumbu ye-medico-legal" ithetha indawo yokugcina izidumbu yeNkonzo yoVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo esetyenziselwa ukuvavanywa kwezidumbu ezityandiweyo kunye nokuvavanywa kwemicu;
ukuvavanywa kwesidumbu esityandiweyo (post mortem)" kuthetha ukuvavanywa komzimba, ngenjongo zokufumana unobangela wokufa kunye nemiba enxulumene nokufa, kunye nomxholo wale mimiselo, ngeenjongo ze-medico-legal inkonzo (service)" ithetha iNkonzo yokuVavanywa kweziDumbu eziTyandiweyo kwiphondo elenza uphando lwe-medico-legal eliphanda ukusweleka ngenxa yoonobangela bendalo okanye engasibabo abendalo; kwaye umThetho" uthetha umThetho wezeMpilo weSizwe (umThetho oyiNombolo yama-61 ka-2003).
INkonzo yoVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo
Ilungu elibandakanyekayo leBhunga eliLawulayo lephondo kwinkqubo yokusebenza yesizwe nangokwemigqaliselo yale mimiselo liyakuqinisekisa ukuba kukho iNkonzo yoVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo kwiSebe lezeMpilo elikwiPhondo.
iNkonzo ecamngcwe kummiselo wesi-2 iquka , kodwa ayimiselwanga mda ekubeni-
a apho kufanelekileyo, ukuqala ngophando lwendawo yokusweleka ngokudibana negosa eliphandayo;
b ukuthatha uxanduva lokuthathwa komzimba nokuba ususwe kwindawo yesehlo;
c ukuqinisekisa ugcino lomzimba kwindawo yesehlo sokusweleka de ube ukhululelwa ukungcwatywa okanye ukutshiswa, kunye neenkqubo ezihlangene noko;
d ukugcina ubungqina obunxulumene nomzimba kunye nakuphi na okunxulumene nawo maxa onke;
e ukuqhuba uphando lokuvavanywa kwesidumbu esityandiweyo, kuqukwa iinkcukacha zangaphandle, kwaye apho kukho khona imfuneko nezovavanyo lwangaphakathi lomzimba kunye nokufumana izinto zobungqina;
f ukuqhuba uphando olukhethekileyo olufanelekileyo;
h ukugcina amaxwebhu, izipesimeni kunye nezinto ezinxulumene nazo;
i ukuqokelelwa, ukuphengululwa kunye nokucazululwa kwedata enxulumeneyo ukumisela iintsingiselo okanye ukuba khona rhoqo kwezehlo zokufa engasikuko okwendalo; kunye j nokunika ulwazi kunye namacebiso kwiziphathamandla zempilo okanye zikarhulumente okanye kumasebe.
Ukususwa nokuthuthwa komzimba
Yimfanelo yenkonzo eyokuphathwa kunye nokuthuthwa komzimba ukuba uye kwindawo yokugcina izidumbu ye-medicolegal okanye kwesinye isibonelelo esonyuliweyo.
INkonzo inokuthutha umzimba kuphela ngendlela emiselwe kwiKhowudi kwaye kufuneka isebenzise izithuthi ezonyuliweyo kuthutho olucamngcwe kummiselo wesi-4.
(a) Umntu eyiyimfanelo yakhe iziko lempilo apho umntu aswelekele khona ngenxa yoononobangela engasingabo abendalo, kufuneka ukuba azise iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika ngoko nangoko kunye neNkonzo ngokufa okunjalo.
b Kwisehlo sokufa okwenzeka umntu ehanjiswa okanye efika kwiziko lempilo umntu eyiyimfanelo yakhe elo ziko lempilo kufuneka ukuba azise iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika ngoko nangoko kunye neNkonzo ngokufa okunjalo.
Kwisehlo sokufa okwenzeka kuyo nayiphi na enye indawo ngaphandle kweziko lempilo, iNkonzo kufuneka iwususe umzimba kwindawo yesehlo sokufa kuphela emva kokuba iGosa eliPhandayo linike igunya elibhalwe phantsi lokususwa komzimba okunjalo yiNkonzo.
INkonzo, emva kwegunya elibhalwe phantsi liGosa eliPhandayo, kufuneka ke ngoko iwususe kwaye iwuhambise umzimba njengoko kumiselwe yiKhowudi, iwuse kwisibonelelo esonyuliweyo.
(a) Umzimba mawususwe kwisiboneleelo usisiwa kwesinye kuphela emva kwemvume ebhalwe phantsi yomntu esiyimfanelo yakhe isibonelelo apho umzimba ususwa khona.
b Ukuvunywa okucamngcwe kumhlathi a kufuneka kukhombise ukwenzakala, ukuba kukho nakuphi na, okuye kwenzeka emzimbeni okanye iimpawu eziye zenzeka ngexa lokuwubeka. Ukubekwa ngokuphathelene noku kuquka ukutyandwa komzimba ukuze uvavanywe okanye nayiphi na enye inkqubo yezonyango ebandakanya umzimba onjalo.
Ukungeniswa komzimba
INkonzo inokungenisa umzimba kwisibonelelo esonyuliweyo kuphela ngokungqinelana neemfuno zokungenisa kunye neenkqubo ezimiselwe kwiKhowudi.
Isibonelelo esonyuliweyo masingangenisi umzimba ovela kwesinye isibonelelo esonyuliweyo ngaphandle kwemvume ebhalwe phantsi yomntu ophethe isibonelelo esonyuliweyo apho umzimba ubususwe khona.
Igosa kwisibonelelo esonyuliweyo esingenisa umzimba kufuneka liqinisekise ukuba-
b iimpawu zeminwe yongasekhoyo ziyathathwa; kwaye c kuvulwa ifayile yomntu apho zonke iinkcukacha ezinxulumene nomzimba ziyakufakwa kwaye zifayilwe ngokungqinelana neKhowudi.
Ukugcinwa kwemizimba
Umntu ophethe isibonelelo esonyuliweyo kufuneka aqinisekise ukuba isibonelelo sefriji siyasetyenziswa ukubeka yonke imizimba kwiqondo lobushushu elimiselweyo kunye nangokungqinelana nenkqubo ebekwe kwiKhowudi.
Umntu ophethe isibonelelo esonyuliwe kufuneka aqinisekise ukuba iqondo lobushushu lefriji nganye equlethe umzimba liyashicilelwa kwigrafu okungenani kabini ngosuku.
Ukufikelela ezifrijini kufuneka kulawulwe kwaye umntu ogunyaziswe ngumntu ophethe isibonelelo esonyuliweyo ukuba asuse umzimba, kufuneka abhale phantsi ukususa okunjalo komzimba kwilogi yezehlo.
a kwisibonelelo esonyuliweyo okanye kwiziko; kwaye b ukuba ngaba uVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo luyangqinelana necandelo lama-66 1 c lomThetho, nesicelo esikhawulezileyo segosa eliphandayo eliphanda ngokufa, okanye ugunyaziso lukamantyi osithili sakhe Vavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo olunjalo kujoliswe ukuba lwenziwe khona.
UVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo lwe-Medico-legal kufuneka luqhutywe kwiintsuku ezisixhenxe zokuba kufunyenwe imvume ebhalwe phantsi ngumntu ophethe isibonelelo.
Abasebenzi abagunyazisiweyo ukuba baqhube uVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo
UVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo emzimbeni lunokwenziwa kuphela ngumntu ogunyazisiweyo oqeshelwe le njongo yiNtloko yeSebe.
Umntu ogunyazisiweyo unokudibana neengcali eziqinisekisiweyo kwaye acele iingcali ezinjalo ukuba zithabathe inxaxheba kuVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo kwaye zifake isandla kuxilongo olungaphaya lomzimba onjalo: Ngaphandle kokuba umntu ogunyanizisiweyo ugcine ilungelo lokusichaza isigqibo seengcali ezinjalo emva kokuthathela ingqalelo isigqibo esinjalo.
Umfundi okanye umsebenzi oqeqeshwayo kuVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo unokuthabatha inxaxheba kuVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo kuphela phantsi kwenkokhelo kunye nohlolo lomntu ogunyazisiweyo.
Ubungqina obongezelelekileyo kuVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo
Ngokuxhomekeke kuwo nawuphi na omnye umthetho, umntu ogunyazisiweyo, unokungenisela uvavanyo, okanye enze ukuba kungeniswe, kwiziko eligunyazisiweyo, nayiphi na imicu, ulwelo, into okanye izinto ezinxulumene nomzimba onjalo, ngeenjongo zokuseka unobangela kunye neemeko zokusweleka komntu okanye ukongeza kulawulo lweenkqubo kunye nolawulo lobulungisa.
Umntu ogunyazisiweyo nguye kuphela onegunya lokwenza isigqibo sokuqhaqha umzimba, okanye ukususa naliphi na ilungu okanye okuqulethwe ngumzimba onjalo kusenzelelwa uphando olukhethekileyo.
Abasebenzi abagunyazisiweyo ukuba baqwalasele uVavanyo lweziDumbu eziTyandiweyo
Nawuphi na umntu ngaphandle-
a kwegosa eliphandayo eliphanda unobangela wokusweleka; okanye b umntu ogunyazisiweyo unokufaka isicelo kumantyi onolawulo lwezobulungisa ngonobangela wokusweleka okuphandwayo okanye kumntu ogunyazisiweyo, oza kubakhona kuVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo.
Umntu ekubhekiselelwe kuye kummiselo wama-23 kufuneka abonise umdla wesibonelelo kwisiphumo soVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo esinjalo, kumantyi okanye kumntu ogunyazisiweyo obandakanyekayo.
Umntu ekubhekiselelwe kuye kummiselo wama-23 unokucela ukuba umntu ogunyazisiweyo ukuba avumele umntu oVavanya isiDumbu esiTyandiweyo, igosa lezonyango eliVavanya isiDumbu esiTyandiweyo okanye umsebenzi wezonyango ukuba angene egameni lakhe, ukuba ngaba:
a umntu oVavanya isiDumbu esiTyandiweyo, igosa lezonyango eliVavanya isiDumbu esiTyandiweyo okanye umsebenzi wezonyango abathabathi nxaxheba kuVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo; kwaye b isicelo esinjalo asibangi ukulibaziseka ekuqhutyweni koVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo
Nangona kummiselo wama-23, umntu ogunyazisiweyo enokuvumela amagosa agunyazisiweyo athile esibonelelo esonyuliweyo apho uVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo lwenziwa khona, ukuba amncedise kuVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo kwaye enze imisebenzi ethile edibene nalo.
Apho umntu ogunyazisiweyo asalileyo isicelo esicamngcwe kummiselo wama-25, izizathu ezibhalwe phantsi mazidluliselwe kumntu obandakanyekayo kwiiyure ezingama-72 zesicelo esicamngcwe kummiselo wama-25 esaliweyo.
Nawuphi na umntu okhathazwe sisigqibo somntu ogunyazisiweyo unokubhena kwiNtloko yeSebe kwiiyure ezingama-48 zokwaziswa ngesigqibo sokwala isicelo esicamngcwe kummiselo wama-25.
Ukukhuselwa kweerekhodi
 Umntu ophethe isibonelelo esonyuliweyo apho uVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo lwenziwe khona kufuneka abeke imilinganiselo yolawulo ukuthintela ukufikelela kwiirekhodi ezinxulumene noVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo okungagunyaziswanga kunye nakwisibonelelo sokugcina apho, iirekhodi zigcinwa khona.
Imilinganiselo yolawulo ecamngcwe kummiselwana 1 kufuneka iqulathwe kwiKhowudi kwaye kubanjelelwe kuyo maxa onke ngamagosa eNkonzo okanye nawuphi na umntu ogunyazisiweyo ukuba enze nayiphi na imisebenzi yeNkonzo egameni layo.
Nawuphi na umntu -
a ongaphumeleliyo ukwenza umsebenzi anikwe wona ngokwemigqaliselo yommiselwana 1;
b owenza ingabi yonyani nayiphi na irekhodi ngokongeza okanye ukucima okanye ukutshintsha naluphi na ulwazi oluqulethwe kuloo rekhodi;
c ukudala, ukutshintsha okanye ukutshabalalisa irekhodi ngaphandle kwegunya lokwenza oko;
d ukungaphumeleli ukudala okanye ukutshintsha irekhodi xa kufunwa enze oko ngokufanelekileyo;
e onika ulwazi olungasiyiyo inyani ngenjongo zokuba luqukwe kwirekhodi;
f ngaphandle kwegunya, okopa nayiphi na inxenye yerekhodi;
g ngaphandle kwegunya, odibanisa iirekhodi zamalungu okwazisa obuqu omzimba nayo nayiphi na inxenye yaloo rekhodi ephathelene nembali yomzimba;
h ofumana ufikelelo olungagunyaziswanga kwirekhodi okanye kwendlela yokugcina iirekhodi, okanye kwinxenye enye yendlela yokugcina iirekhodi, okanye enye;
i ngaphandle kwegunya, odibanisa nayiphi na inxenye yekhompyutha okanye omnye umxokelelwano wekhompyutha apho kugcinwa khona iirekhodi-
i kuyo nayiphi na enye ikhompyutha okanye umxokelelwano weletroniki; okanye ii nayiphi na iteminali okanye enye into efakiweyo edityansiwe okanye eyinxenye yenye ikhompyutha okanye umxokelelwano weletroniki; okanye j ngaphandle kwegunya, ulungisa uqhaqho-
i nayiphina na inxenye yomxokelelwano wokusebenza wekhompyutha okanye omnye umxokelelwano weletroniki apho kugcinwa khona iirekhodi zomzimba; okanye ii nayiphi na inxenye yenkqubo esetyenziswa ukushicilela, ukugcina, ukufumana okanye ukubonisa ulwazi kwikhompyutha okanye omnye umxokelelwano weletronii apho kugcinwa khona iirekhodi zomzimba, owenza ityala kwaye ongafanelekela agwetyelwe isohlwayo okanye ukuba avalelwe ixesha elingadluliyo kunyaka omnye okanye zombini isohlwayo kunye nokuvalelwa okunjalo.
Umntu ophethe isibonelelo esonyuliweyo kufuneka agcine irejista apho nayiphi na ifayile esuswayo okanye nayiphi na inxenye yefayile, kwisibonelelo sokugcina ibhalwa phantsi, kwaye apho kufuneka angenise zonke iinkcukacha zomntu ogunyazisiweyo ukuba asuse ifayile enjalo okanye nayiphi na kwinxeneye yayo, injongo, umhla kunye nexesha esuswe yaphinda yabuyiswa ngalo kunye nolwazi oluthathiweyo apho.
Ukukhonjwa kokuba uyaziwa umzimba
Umzimba unokukhonjwa ukuba uyaziwa kuphela liqabane, umlingane, umntwana ongundoqo, umzali, umgcini, ngubhuti ongundoqo, usisi ongundoqo okanye ngumkhathaleli
Iziphumo zobuqu zomntu ongasekhoyo mazinikezelwe kumntu ocamngcwe kummiselo wama-31 ukuba ngaba umntu ogunyazisiweyo owenze uVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo kunye neGosa eliPhandayo bonelisekile ukuab ngaba iziphumo zobuqu ezinjalo azifunekeli ubungqina
Ukukhululwa komzimba
Umzimba unokukhululwa kuphela kwiNkonzo uye kumngcwabi emva-
a kokuba iqabane, umlingane, umntwana ongundoqo, umzali, umgcini, ubhuti ongundoqo, usisi ongundoqo okanye umkhathaleli benike imvume ebhaliweyo, okanye umyalelo weNkundla;
b kokuba umntu ogunyazisiweyo enike imvume yokukhululwa okunjalo komzimba; kwaye c apho kukho khona imfuneko, umcu okanye isampuli yegazi yohlalutyo lwe-DNA iqokelelwe kwaye igcinwe ngokufanelekileyo.
Apho umntu onika imvume njengoko kucamngciwe kummiselo wama-33(a) angenako ukuhlawulela ukungcwatywa komzimba, umasipala okulawulo lobulungisa bommandla apho umzimba ubugcinwe khona, kufuneka awungcwabe njengowehlwempu.
Umzimba ongakhonjwanga ukuba uyaziwa
Umzimba ongakhonjwanga ukuba uyaziwa kufuneka ususwe efrijini kwiintsuku ezisixhenxe zokungeniswa, kwaye ukuba ngaba iintsalela zomzimba onjalo zihlala zingaziwa iintsuku ezingama-30, umasipala ulawulo lobulungisa besibonelelo esonyuliweyo esiphantsi kwawo, kufuneka siwungcwane njengowehlwempu umzimba onjalo.
Ukusweleka komntu obanjiweyo
Intoko yephondo yeNkonzo kufuneka yaziswe ngoko nangoko xa kucelwa isibonelelo sokungenisa umzimba womntu osweleke ngoonobangela engasibabo abendalo ngexa evalelwe kwiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika okanye liSebe leeNkonzo zoLuleko njengebanjwa elisalindele ukuxoxwa kwetyala.
Apho kukho khona imfuneko, uVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo lokumisela unobangela wokusweleka kwebanjwa elibhantintayo okanye elisalindele ukuxoxwa kwetyala, lunokwenziwa kuphela-
a ngumntu ogunyazisiweyo oqeshwe ngokukhethekileyo yintloko yephondo yeNkonzo b kwisehlo sokusweleka ngexa evalelwe yiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika, emva kokuba iCandelwana leziKhalazo eliziMeleyo lazisiwe ngoVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo olunjalo; kwaye c kwisehlo sokusweleka ngexa evalelwe liSebe leeNkonzo zoLuleko, emva kokuba uMgwebi oHlolayo ekubhekiselelwe kuye kumThetho weeNkonzo zoLuleko, 1998 umThetho oyiNombolo ye-111 ka-1998 , yazisiwe ngoVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo olunjalo.
Ingozi ebulalayo ebandakanya ngaphezulu kwabantu abalishumi
Kwisehlo sengozi ebulalayo ebandakanya ngaphezulu kwabantu abali-10, uMlawuli wesizwe eyiyimfanelo yakhe uVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo okanye umntu amonyulele lomsebenzi, kufuneka aququzelele ukulungiswa kwemizimba ngokwemigqaliselo yale mimiselo kwaye aqinisekise ukuhlanganyelana phakathi kweNkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika kunye neNkonzo leyo iphondo layo kuswelekwe kuyo.
uMlawuli wesizwe eyiyimfanelo yakhe uVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo okanye umntu amonyulele umsebenzi ocamngcwe kummiselo wama-38, kufuneka aqinisekise -
a ukuba umntu ogunyazisiweyo uyaya kwindawo yengozi noMphandi woQhaqho leziDumbu; kunye nokuba b uVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo lwenziwa ngaphandle kokulibazisa ngokwemigqaliselo yale mimiselo ngumntu oyiNtloko kuVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo, okanye ngumntu amonyulileyo, kumzimba ngamnye osusiweyo kwindawo yengozi.
IKomiti yoVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo yeSizwe uMphathiswa kufuneka aseke ikomiti eyaziwa ngokuba yiKomiti yeNkonzo yoVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo yeSizwe ukuba icebise uMphathiswa a kwinkqubo yokusebenza ephathelene nawo nawuphi na umcimbi oya kuqinisekisa, uphakamise, uphucule, okanye ugcine uVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo b izithethe, imigangatho kunye nezikhokelo zokunikwa kwenkonzo yoVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo, kuqukwa nemigangatho yempilo nokhuseleko kunye neyona migangatho isezantsi yokuqinisekiswa kweendawo zokugcina izidumbu zovavanyo lwezidumbu ukuba ingeniswe ifane neKhowudi yeSizwe yeNkonzo yoVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo; kwaye c nawuphina umcimbi wobuchule onxulumene neenkonzo zoVavanyo lwesiDumbu esiTyandiweyo onokuba neempembelelo kwiinkqubo kunye nezicwangciso zempilo.
Iimfuneko zokuba noxanduva nokunika ingxelo
INtloko yeSebe kufuneka ingenise iingeniso zonyaka zengqokelela yamanani kunye neengxelo kuMlawuli-Jikelele ngendlela eya kumiselwa nguMlawuli-Jikelele ixesha nexesha.
Amatyala
Nawuphi na umntu ongaphumeleliyo ukuthobela naliphi na igatya lale mimiselo unetyala kwaye kufuneka agwetyelwe isohlwayo okanye ukuba avalelwe ixesha elingadluliyo kwiminyaka emihlanu okanye zombini isohlwayo okanye ukuvalelwa okunjalo.
Ukugunyazisa
 iNtloko yeSebe okanye intloko yesebe yeNkonzo yephondo, ngokubhalwe phantsi, kwaye kwiimeko ezinjalo njengoko inokumisela, inokunikezela ngawo nawaphi na amagunya okanye imisebenzi kwigosa lesebe lephondo okanye isitafu sesibonelelo esonyuliweyo, ngokuxhomekeke kwimeko, ngaphandle kokuba kukho uthintelo olukhethekileyo lonikezelo okanye ulonyulo olunjalo.
Ukunikezela okanye ukonyula okwenziwe phantsi kommiselwana 1 alu a khululi iNtloko yeSebe okanye intloko yesebe yeNkonzo yephondo imfanelo okanye uxanduva oluphathelene nokwenziwa komsebenzi obandakanyekayo; okanye b thinteli ukwenziwa komsebenzi obandakanywe yiNtloko yeSebe okanye intloko yesebe yeNkonzo yephondo.
INtloko yeSebe okanye intloko yesebe yeNkonzo yephondo inokulungisa okanye imisele ecaleni nasiphi na isigqibo esithathwe ngumntu ekusetyenzisweni kwawo nawaphi na amagunya anjalo anikezelwe kuloo mntu.
UMHLA:
